uEstere 4:13-14
uEstere 4:13-14 CXB24
Ngoko uMordekayi wayalela ukuba impendulo inikwe uEstere: “Musa ukuzixelela ukuba uya kusinda wena endlwini yokumkani ngaphezu kwamaYuda onke. Kuba xa nithe nathula cwaka ngeli xesha, ukwaphuka nosindiso luya kubonakala kwenye indawo kumaYuda; ke wena nendlu kayihlo niya kutshabalala; Ngubani na owaziyo, ukuba ungene ebukumkanini ngenxa yexesha elinje?

