Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani, yaye yonke into eyathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa. uYehova wabonakala kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; Ukuba ndithe ndasivala izulu, ukuba kungabikho mvula, nokuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa; bathoba ke abantu bam, ababizwa kubo igama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi; ndiya kuva ke emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ihlabathi labo. Ovuleka ke amehlo am, iindlebe zam ziwuphulaphule umthandazo owenziwa kule ndawo. Kuba ngoku ndiyinyule le ndlu ndaza ndayingcwalisa, ukuze igama lam libe kuyo ukusa kwixesha elingenammiselo, namehlo am nentliziyo yam iya kusoloko ikuyo.
Funda IziKronike 2 7
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IziKronike 2 7:11-16
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo