Ivangeli ka‐Mateyu 5:29-30
Ivangeli ka‐Mateyu 5:29-30 XHO1902A
Ukuba ngoko iliso lako lokunene liyakuxakanisa, lincotule, ulilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo. Kanjalo ukuba isandla sako sokunene siyakuxakanisa, sinqumle, usilahle kuwe; ngokuba kulungele wena ukuba kubube libe linye emalungwini ako, kuze kungaposwa wonke umzimba wako esihogweni somlilo.

