Wandula u‐Yesu weza nabo entsimini e‐kutiwa yi‐Getesemane, wati kubadisipile: Hlalani pantsi apa, nxa ndiyayo nditandaze paya. Waza watabata naye u‐Petrosi nonyana baka‐Zebedi bobabini, waqala ukuba lusizi nokudandateka kakulu. Wandula wati kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde nam. Waza waya umganyana ngapambili, wawa ngobuso bake, etandaza, esiti nokuti: Bawo! ukuba kungenzeka, makudlule kum indebe le: noko makungabi njengokuba nditanda mna, makube njengokuba utanda wena. Wayesiza kubadisipile, wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Kanene beningelinde nam iyure ibe nye na? Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka. Wabuya wemka ngokwesibini, waya watandaza, esiti: Bawo! ukuba lendebe ayingedlule kum, nxa ndingayiseli, makwenziwe intando yako. Wayesiza wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima. Waza wabashiya, wemka kanjako, waya watandaza ngokwesitatu, eteta wona lomazwi. Wandula weza kubadisipile bake, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; nantsi iyure isel’ ikufupi, xa unyana wesintu anikelwa ezandleni zaboni
Funda Ivangeli ka‐Mateyu 26
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Ivangeli ka‐Mateyu 26:36-45
21 Days
Learn how best to pray, both from the prayers of the faithful and from the words of Jesus Himself. Find encouragement to keep taking your requests to God every day, with persistence and patience. Explore examples of empty, self righteous prayers, balanced against the pure prayers of those with clean hearts. Pray constantly.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo