Ivangeli ka‐Mateyu 26:36-45

Ivangeli ka‐Mateyu 26:36-45 XHO1902A

Wandula u‐Yesu weza nabo entsimini e‐kutiwa yi‐Getesemane, wati kubadisipile: Hlalani pantsi apa, nxa ndiyayo nditandaze paya. Waza watabata naye u‐Petrosi nonyana baka‐Zebedi bobabini, waqala ukuba lusizi nokudandateka kakulu. Wandula wati kubo: Umpefumlo wam ulusizi kakulu kude kube sekufeni; hlalani apa, nilinde nam. Waza waya umganyana ngapambili, wawa ngobuso bake, etandaza, esiti nokuti: Bawo! ukuba kungenzeka, makudlule kum indebe le: noko makungabi njengokuba nditanda mna, makube njengokuba utanda wena. Wayesiza kubadisipile, wabafumana belele, wati ku‐Petrosi: Kanene beningelinde nam iyure ibe nye na? Lindani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni: umoya okunene uyavuma, kodwa inyama ibutataka. Wabuya wemka ngokwesibini, waya watandaza, esiti: Bawo! ukuba lendebe ayingedlule kum, nxa ndingayiseli, makwenziwe intando yako. Wayesiza wabafumana belele kanjako; ngokuba amehlo abo ebenzima. Waza wabashiya, wemka kanjako, waya watandaza ngokwesitatu, eteta wona lomazwi. Wandula weza kubadisipile bake, wati kubo: Lalani ixesha eliseleyo, nipumle; nantsi iyure isel’ ikufupi, xa unyana wesintu anikelwa ezandleni zaboni