Ivangeli ka‐Mateyu 2:1-18

Ivangeli ka‐Mateyu 2:1-18 XHO1902A

KEKALOKU xeshekweni u‐Yesu ebezalelwe e‐Beteleheme yase‐Judeya, emihleni ka‐Herodi ukumkani, bona ke, izilumko zivela empumalanga zafika e‐Yerusaleme, zisiti: Upina lowo uzelweyo engukumkani wama‐Juda? ngokuba sibe sibona inkwenkwezi yake empumalanga, sasize ukumbedesha. Kekaloku u‐Herodi ukumkani akuva oko, waxa̔liswa, kwa nayo yonke i‐Yerusaleme kunye naye. Wati ke akuba ebahlanganisile bonke abaperisite abakulu nababa̔li babantu, wabuza kubo ukuba uzalwa pina u‐Kristu. Baza bati kuye: e‐Beteleheme yase‐Judeya; ngokuba kuba̔liwe njalo ngomprofite, ukuti: Nawe, Beteleheme, lizwe lakwa‐Juda! akunguye omncinane kuzo zonke pakati kwenkosi zakwa‐Juda nakanye; ngokuba kuya kupuma umpati kuwe, oya kwalusa abantu bam o‐Sirayeli. Wandula u‐Herodi, akuba ezibizile ngasese izilumko, wakolisa ukubuza kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi. Waza wazituma e‐Beteleheme, wati: Hambani niye nibuze kunene umntwana lowo; niti nxa nimfumeneyo, nindishumayeze, ukuba nam ndize ndimbedeshe. Zati zimvile nje ukumkani, zemka; kekaloku bona ke, inkwenkwezi, leyo zibe ziyibonile empumalanga, yahamba pambili kuzo, yada yeza yema pezu kwalapo umntwana wayekona. Zati zakubona lonkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukulu kunene. Zaza zangena endlwini, zambona umntwana eno‐Mariya unina, zawa pantsi zambedesha, zavula ityeyandyebo zazo, zamnikela amabaso, igolide, nentlakamhlope, nemore. Zaza zati, ziyaliwe NGUTIXO epupeni ukuba mazingabuyi ziye ku‐Herodi, zemka ngenye indlela ukuya ezweni lakowazo. Nxa zimkile zona, bona ke, ingelosi YENKOSI yabonakala epupeni ku‐Josefe, isiti: Suka, utabate umntwana nonina, usabele e‐Jipete, uze ubeko kona ndide ndikuxelele; ngokuba u‐Herodi eza kufuna umntwana ukuba ambubise. Wesuka ke, watabata umntwana nonina ebusuku, wemka waya e‐Jipete: waye ebeko kona kwada kwafa u‐Herodi; ukuze kuzaliseke oko kwatetwayo YINKOSI ngomprofite, isiti: Ndambiza unyana wam apume e‐Jipete. Wandula u‐Herodi, akubona ukuba ukohlisiwe zizilumko, wanomsindo kakulu, watuma ke, wabulala bonke abantwana abase‐Beteleheme nakuyo yonke imida yayo, ababudala buyiminyaka mibini nangapantsi, njengexesha wayekolisile ukubuza lona kuzo izilumko. Kwandula kwazaliseka oko kwatetwayo ngu‐Jeremiya umprofite, esiti: Ilizwi lavakala e‐Rama isikalo, nesililo, nesijwili esikulu, u‐Rakele elilela abantwana bake, engavumi ukututuzelwa, ngokuba bengaseko.