Ivangeli ka‐Mateyu 10:1-23

Ivangeli ka‐Mateyu 10:1-23 XHO1902A

Waza wabiza abadisipile bake abalishumi linababini, wabanika igunya pezu kwomoya abanco̔lileyo, lokuba babaku̔pe, nelokupilisa zonke izifo nazo zonke izikuhlane. Kekaloku amagama abapostile abalishumi linababini ngawo la: Owokuqala, u‐Simone o‐kutiwa ngu‐Petrosi, no‐Andreya umninawe wake; u‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe wake; u‐Filipi, no‐Batolomeyu; u‐Tomasi, no‐Mateyu umbuti weminikelo; u‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Lebeyu owatiywa elinye igama elingu‐Tadeyu; u‐Simone umkanani, no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owamngcatshayo. Aba balishumi linababini wabatuma u‐Yesu, wabayalela, esiti: Ningemkeli endleleni yabaheyideni, nasesixekweni sama‐Samariya ningangeni; yiyani kodwa ngakumbi ezigusheni ezilahlekileyo zendlu ka‐Sirayeli. Niti ke ekuyeni kwenu nishumayele, nisiti: Ubukumkani bezulu sebukufupi. Pilisani abafayo, hlambululani amaleperi, vusani abafileyo, ku̔pani idemoni: namkele ngesisa, yipani ngesisa. Ningazizuzeli igolide, nesilivere, nobedu, zibe semibinqweni yenu; kwa nenxowa ibe yeyendlela, nengubo ezimbini, nezihlangu, nentonga; ngokuba umsebenzi efanele ukutya kwake. Kanjalo isixeko umhlaumbi umzi onisukuba ningena kuwo, buzani ofanelekileyo kuwo ungubanina; nize nihlale kona, nide nimke. Niti nakungena endlwini, niyibulise: ukuba ke ifanelekile indlu leyo, maluze uxolo lwenu pezu kwayo; ukuba kodwa ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kuni. Nosukuba enganamkeli nina, engaweva namazwi enu, niti nakupuma kulondlu umhlaumbi kwesosixeko, nivutulule utuli lwenyawo zenu. Ngokwenene nditi kuni: Kwonyamezelekela ilizwe lase‐Sodome ne‐Gomora ngomhla womgwebo, ngapezu kwesosixeko. Bona ke, ndiyanituma njengezimvu pakati kwencu̔ka: yibani ngoko ninobulumko njengenyoka, nibe ningenabuqokolo njengamahobe. Kodwa lumkelani abantu: ngokuba beya kuninikela ematyaleni, banibete ezindlwini zentlanganiso zabo; ewe, naniya kusiwa pambi kwenkosi nokumkani ngenxa yam, kube sisinqi̔no kubo nakulaheyideni. Kodwa okuya baninikelayo, ningabi nasitukutezi sokuba noteta ngokunjanina umhlaumbi noteta nto nina; ngokuba niya kunikwa ngeloxeshana into eniya kuyiteta: ngokuba kungenini abatetayo, KUNGUMOYA WOYIHLO otetayo pakati kwenu. Woti umzalwana anikele umzalwana ekufeni, noyise wonikela umntwana; kanjalo abantwana baya kusukela abazali, babatise: naniya kutiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa. Koko xeshekweni banitshutshisayo kwesisixeko, sabelani kwesinye; ngokuba ngokwenene ndisiti kuni: Anisayi kuba nigqibile izixeko zakwa‐Sirayeli ukuzihamba, engekafiki unyana wesintu.