U‐Jobi 26
26
1WAZA wapendula u‐Jobi, wati:
2Ute nina ukumnceda lowo ongenamandla, nokuyisiza ingalo engenakwomelela! 3Ute nina ukumcebisa ongenabulumko, nokwazisa ukuba njalo kwendawo ngokukolisa! 4Uwaxele ngobanina amazwi lawo? ngumoya kabanina owapuma kuwe?
5Abafileyo bayangcangcazela, — indawo ezipantsi kwamanzi, nabemi bazo. 6Ihadesi izé pambi kwake; nentshabalalelo ayinaso isigubungelo. 7Uyolula inode pezu kwokungendawo; uyaxo̔ma umhlaba pezu kwokungento. 8Uyabopa amanzi emafini ake abungqingqwa; alicandeki noko ilifu ngapantsi kwawo. 9Uti vingci ubuso beterone; uyatwabulula ilifu lake pezu kwayo. 10Umda ojikelezayo uwenzile pezu kwobuso bamanzi, kude kupele ukukanya ebumnyameni. 11Intsika zezulu ziyadidiza; ziti nqa ngokukalimela kwake. 12Ngamandla ake uyazolisa ulwandle; nangayo ingqondo yake uliti kahla ir̔atshi. 13Ngomoya wake uwakazimlisile amazulu; isandla sake sadala inyoka ebalekayo.
14Bona ke, le yimida yendlela yake; kanjalo yintsebezo engakanana yelizwi esiyivile ngaye! kodwa ududumo lwamandla ake ngubanina ongaluqiqayo?
Ekhethiweyo ngoku:
U‐Jobi 26: XHO1902A
Qaqambisa
Yabelana
Kopa
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: