Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 9:11-28

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 9:11-28 XHO1902A

Kodwa u‐Kristu efikile nje engumperisite omkulu wezinto ezilungileyo eziza kuza, ute ngayo itabanakele enkulu efezekileyo ngakumbi, ingenziwanga ngezandla, oko kukuti, ingeyeyako okukudalwa, kungengalo igazi lebokwe nelamatole, kodwa kungalo elake igazi, wangena kwa kanye kweyingcwele indawo, ezuzile inkululo engunapakade. Ngokuba igazi lenkabi nebokwe, notutu lwetokazi lufefa abanco̔lileyo, ukuba oku kuyahlanza kube kukuhlanjululwa kwenyama; kwoba kangakananina ngakumbi liya kuti igazi lika‐Kristu, owati NGOMOYA ongunapakade wazinikela emsulwa KUTIXO, lihlambulule isazeliso senu emisebenzini efileyo, nize nimkonze UTIXO ohleliyo? Kanjalo ngenxa yoku ungumlamli wocebano olutsha, ukuba ke, ukufa kwenzelwe nje ukululwa lwezigqito ezibe zipantsi kwocebano lwokuqala, abo babiziweyo bamkele ukudliwa kwedinga lelifa elingunapakade. Ngokuba apo sikona isiyolelo, kufanelekile ukuba kuhle ukufa kwomyoleli: ngokuba isiyolelo siqinisekile bakuba abantu befile; ekubeni singaki sibe namandla okuya asahleli umyoleli. Kukona nalo ucebano lwokuqala lungatwasiswanga lungenagazi: ngokuba xeshekweni bekutetiwe yonke imiyalelo ngokwomteto ngu‐Mosesi kubo bonke abantu, wati etabatile igazi lamatole nebokwe, ndawonye namanzi, noboya begusha obubomvu, nehisope, wafefa kwa yona incwadi nabo bonke abantu, esiti: Lilo eli igazi locebano eniluyalezelweyo NGUTIXO. Nayo itabanakele, nazo zonke impahla zesikonzo, wazifefa ngegazi kwa ngokunjalo. Kanjako kuza kuba zizinto zonke ezihlanjulwayo ngegazi ngokwomteto; nangapandle kwokupalazwa kwegazi akuko uxolelo. Bekufanelekile ngoko ukuba izifanekiso zezinto ezisezulwini zihlanjululwe ngezizinto, kodwa zona ezasezulwini ngamadini alungileyo ngakumbi pezu kwawo la. Ngokuba u‐Kristu engangenanga kweyingcwele indawo eyenziweyo ngezandla, esisifanekiselo seyinyaniso, koko engene kwa kulo izulu, ukuti kaloku abonakale ebusweni BUKATIXO ngenxa yetu: engangenanga kanjalo ukuba azinikele futi, njengokuba umperisite omkulu engena kweyingcwele indawo iminyaka ngeminvaka enegazi elingelelake; ngokuba oko ngeeba evile intlungu futi kutabata ekumisweni kwelizwe: kodwa kaloku ute kanye ekugqityelweni kwamaxesha wabonakaliselwa ukubujiswa kwesono ngokuzenza idini. Kanjako njengokuba kumiselwa abantu bafe kube kanye, nasemveni kwoko kubeko ukugwetywa; kwa njalo u‐Kristu, enikelwe nje kanye ukuba atwale isono sabaninzi, wobonakala ngokwesibini engenasono lube lusindiswa kubo abo bamlindayo.