Ize ningazifaki iyokwe yimbi ndawonye nabangakolwayo: ngokuba kuko ubukolwane bunina pakati kwobulungisa nokungalungi? nokukanya kunobudlelana bunina kunye nobumnyama? no‐Kristu unemvumelano yanina kunye no‐Beliyali? umhlaumbi okolwayo unesabiwo sanina ndawonye nongakolwayo? netempile KATIXO inesilungelelano sanina nezitixo? ngokuba nina niyiyo itempile KATIXO ohleliyo; njengokuba etshilo UTIXO ukuti: Ndiya kuma kubo, ndihambe pakati kwabo; ndandiya kuba NGUTIXO wabo, bati bona babe ngabantu kum. Ngako oko pumani kwa pakati kwabo, nibe nahlukile, utsho UYEHOVA, nokunco̔lileyo ningakucu̔kumisi; ndandiya kunamkela, ndibe nguyihlo kuni, niti nina nibe ngonyana nentombi kum, utsho UYEHOVA usomandla.
Funda Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 6
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 6:14-18
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo