Eyesibini yezikronike 7:11-16

Eyesibini yezikronike 7:11-16 XHO1902A

Wada u‐Solomone wagqiba indlu KAYEHOVA, nendlu yokumkani: nako konke okube kungenile entliziyweni ka‐Solomone, ukuba akwenze endlwini KAYEHOVA nasendlwini yake, wakufeza ngokutamsanqelekileyo. WANDULA UYEHOVA wabonakala ku‐Solomone ebusuku, wati kuye: Ndivile umtandazo wako, ndandizinyulele lendawo ibe yindlu yemibingo. Ukuba ndiyavingca izulu, kuze kungabiko imvula, umhlaumbi ukuba ndiyayalela inkumbi zigqibe ilizwe, umhlaumbi ukuba ndiyatuma isifo esibubisayo pakati kwabantu bam; baze bati abantu bam, ekupezu kwabo kubizwa igama lam, bazigobe, batandaze, bafune ubuso bam, baguquke emikweni yabo ekohlakeleyo; ndiya kwandula ndive mna kwa sezulwini, ndixolele isono sabo, ndipilise nelizwe labo. Kaloku amehlo am ovuleka, nendlebe zam zopulapuleka, kuwo umtandazo walendawo. Ngokuba kaloku ndiyinyulile ndayenza ngcwele indlu le, ukuba igama lam libeko kona kude kube ngunapakade; kwakuya kubako kona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.