Eyokuqala ka‐Samyali 16
16
1WADA uyehova wati ku‐Samyali: Kude kube ninina uya kumlilela u‐Saule, ndimlahlile nje mna ukuba angabi ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli? zalisa upondo lwako ngeoli, uhambe; ndokutuma ku‐Jese um‐Beteleheme; ngokuba ndizibonele ukumkani pakati kwonyana bake. 2Waza u‐Samyali wati: Ndoti nina ukuhamba? akuva u‐Saule, wondibulala. Wayesiti uyehova: Tabata nawe itokazi lenkomo, uti: Ndize ukubingela uyehova. 3Wandule umeme u‐Jese eze embingweni; ndandiya kukwazisa oko uya kukwenza; wauya kunditambisela lowo endimxela kuwe.
4Wasuka wenza u‐Samyali oko akutetileyo uyehova, weza e‐Beteleheme. Baza abadala besixeko bamkaulela ngokungcangcazela, bati: Uyeza ngoxolo na? 5Wayesiti: Ngoxolo; ndize ukubingela uyehova: zingcwaliseni, nize nam embingweni. Waza wabangcwalisa u‐Jese nonyana bake, wabamemela embingweni. 6Kwaye kute, bakungena, wambona u‐Eliyabe, wati: Okunene umtanjiswa wake upambi kwoyehova! 7Kodwa uyehova wati ku‐Samyali: Ungakangeli ukubonakala kwake, nobupakamo bobude bake, ngokuba ndimlahlile: ngokuba kungenjengokuba kubonwa ngumntu; ngokuba umntu ebona okupambi kwamehlo, kodwa uyehova ebona okusentliziyweni. 8Wandula u‐Jese wambiza u‐Abinadabi, wamdlulisa pambi kwo‐Samyali. Wayesiti: Uyehova akamnyulanga nalowo. 9Wandula u‐Jese wamdlulisa u‐Shama. Wayesiti: Uyehova akamnyulanga nalowo. 10Kwa njalo u‐Jese wadlulisa isixe̔nxe sonyana bake pambi kwo‐Samyali. Wayesiti u‐Samyali ku‐Jese: Uyehova akanyulanga aba. 11Walekela u‐Samyali wati ku‐Jese: Kukupela kwabantwana bako aba na? Wayesiti: Kusasele omncinane; kekaloku bona ke, uyalusa igusha. Waza u‐Samyali wati ku‐Jese: Tuma, umtabate; ngokuba singayi kuhlala ngokungqonga, ade afike apa. 12Watuma ke, wamngenisa. Waye yena ebomvuṙa, enobuhle bamehlo nesoya sokubonakala. Wayesiti uyehova: Suka, umtambise; ngokuba lo enguye. 13Wandula u‐Samyali watabata upondo oluneoli, wamtambisa pakati kwabakuluwe bake: wati umoya kayehova wehla pezu kwo‐Davide kwa semhleni lowo nangasemva. Wesuka ke u‐Samyali, waya e‐Rama.
14KODWA umoya kayehova wemka ku‐Saule; waye umoya okohlakeleyo evela kuyehova wamzuma. 15Zaza izicaka zika‐Saule zati kuye: Bona ke, umoya okohlakeleyo katixo uyakuzuma: 16maiti ke inkosi yetu ixelele izicaka zako ezisebusweni bako, ukuba zifune indoda eyaziyo ukubeta uhadi; kwakuya kuti, nxa umoya okohlakeleyo katixo apezu kwako, iya kwandula ibete ngesandla sayo, wauya kulunga. 17Waza u‐Saule wati kuzo izicaka zake: Kanindikangelele indoda elungisayo ukubeta, niyizise kum. 18Sapendula esinye sezicaka, sati: Bona ke, ndibonile unyana ka‐Jese um‐Beteleheme, owaziyo ukubeta, oligoṙa elibuṙoti, nendoda yokulwa, neciko lokuteta, nendoda enewonga; kanjalo uyehova unaye. 19Ngako u‐Saule watuma izigidimi ku‐Jese, wati: Tuma kum u‐Davide unyana wako, osezigusheni. 20Wandula u‐Jese watabata iqwaṙashe linesonka, nentsuba yeveyine, netakane lebokwe, wazituma ngesandla sika‐Davide, unyana wake, ku‐Saule. 21Wasuka u‐Davide weza ku‐Saule, wema pambi kwake; waza watandwa nguye kakulu, waba ngumtwali wake wezixo̔bo. 22Wabuya u‐Saule watuma ku‐Jese, esiti: Makati ke u‐Davide eme pambi kwam; ngokuba efumene ufefe emehlweni am. 23Kwaye kute, akuba umoya okohlakeleyo katixo ebepezu kwo‐Saule, wandula u‐Davide watabata uhadi, walubeta ngesandla sake; wada u‐Saule womelela, walunga nokulunga, wati umoya okohlakeleyo wemka kuye.
Ekhethiweyo ngoku:
Eyokuqala ka‐Samyali 16: XHO1902A
Qaqambisa
Yabelana
Kopa

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.

: