Wona wawayalela ukuba ezise ukumkanikazi uVashiti, ammise phambi kwakhe evathile, ethwele iqhiya yobukumkanikazi, khon' ukuze aqhayise ngobo bunzwakazi bakhe ebantwini ndawonye nezikhulu zakhe. Kaloku wayeyinzwakazi ethi ndijonge. Kambe ke amaphakathi lawo athe akuwudlulisa loo myalelo kakumkani, suka ukumkanikazi uVashiti wala ukuza. Hayi ke, yeka ukuvutha kukakumkani ngumsindo. Njengoko yayilisiko ukuba ukumkani athetha-thethane neengcali kwimicimbi yomthetho nobulungisa, naye ke wadlan' iindlebe namadoda azizilumko awuqondayo umthetho
Funda UESTERE 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UESTERE 1:11-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo