IINDUMISO 20

20
Umthandazo wokucela uloyiso
Kumongameli. Umhobe kaDavide.
1Ngamana wakuphendula uYehova ngemini yembandezelo,
Ngamana lakúsa engxondeni igama likaThixo kaYakobi!
2Wakúthumela uncedo lwasengcweleni,
Wakúxhasa eseZiyon!
3Wayikhumbula yonke iminikelo yakho yokudla,
Wawafumana etyebile amadini akho anyukayo! (Phakamisani.)
4Wakunika ngokwentliziyo yakho,
Walizalisa lonke icebo lakho!
5Singámemelela ngosindiso lwakho,
Siphakamìse iibhanile zethu egameni loThixo wethu;
Azizalise uYehova zonke izicelo zakho.
6Ndiyazi ngoku ukuba uYehova ngumsindisi womthanjiswa wakhe;
Úya kumphendula emazulwini akhe angcwele
Ngobugorha obusindisayo besandla sakhe sokunene.
7Abanye bakhankanya iinqwelo zokulwa, abanye bakhankanye amahashe,
Ke thina sikhankanya igama likaYehova uThixo wethu.
8Bòna baguqile bawa;
Thina siphakamile sema.
9Yehova, sindisa;
Ukumkani asiphendule ngemini yokubiza kwethu.

Ekhethiweyo ngoku:

IINDUMISO 20: XHO75

Qaqambisa

Yabelana

Kopa

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena