Ilanga nenyanga ziya kuba mnyama, neenkwenkwezi zibe mnyama ekuqaqambeni kwazo; uYehova uya kubharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem; amazulu nomhlaba ngokuqinisekileyo uya kunyikima, yaye uYehova uya kuba lithemba labantu bakhe namandla oonyana bakaSirayeli.