1
KUMAGALATI 3:13
IBHAYIBHILE
XHO96
Kodwa ke uKrestu wasikhulula ekuqalekisweni okuza ngomthetho, ngokuthi yena aqalekiswe endaweni yethu. Kaloku zithi iziBhalo: “Uqalekisiwe nguThixo nabani na obulawa ngokuxhonywa emthini!”
Thelekisa
Phonononga KUMAGALATI 3:13
2
KUMAGALATI 3:28
KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.
Phonononga KUMAGALATI 3:28
3
KUMAGALATI 3:29
Ukuba ke ningabakaKrestu ningabazukulwana baka-Abraham. Ngoko ke niziindlalifa ngokwesithembiso.
Phonononga KUMAGALATI 3:29
4
KUMAGALATI 3:14
Yonke le nto yayijonge ekubeni intsikelelo eyathenjiswa uAbraham nguThixo ize igqithiselwe kwiintlanga nguKrestu, khon' ukuze thina simamkele ngokholo uMoya owathenjiswa nguThixo.
Phonononga KUMAGALATI 3:14
5
KUMAGALATI 3:11
Kuyaqondakala ke ukuba akukho mntu ugwetyelwa nguThixo ngenxa yomthetho; kuba zithi iziBhalo: “Uya kudla ubomi lowo wenziwe ilungisa nguThixo ngenxa yokukholwa.”
Phonononga KUMAGALATI 3:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo