1
KWABASEROMA 2:3-4
IBHAYIBHILE
XHO96
Wena kanye, mntundini ubagwebayo abo bazenzayo izinto ezinjalo, wenza kwaezo zinto. Uba ke wena uThixo akayi kukugweba na? Okanye ubudelile ububele bakhe obukhulu, nokunyamezela kwakhe, nokuza kade komsindo wakhe? Akwazi na ukuba bububele bukaThixo obukusa enguqukweni?
موازنہ
تلاش KWABASEROMA 2:3-4
2
KWABASEROMA 2:1
Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.
تلاش KWABASEROMA 2:1
3
KWABASEROMA 2:11
Kaloku uThixo akanamkhethe.
تلاش KWABASEROMA 2:11
4
KWABASEROMA 2:13
Kaloku abantu abalungileyo ngokukaThixo asingabo abo bawuva nje umthetho bangayenzi into oyithethayo. Ngabo bayenzayo into eyalelwa ngumthetho abangamalungisa.
تلاش KWABASEROMA 2:13
5
KWABASEROMA 2:6
Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.
تلاش KWABASEROMA 2:6
6
KWABASEROMA 2:8
Kanti ke uza ngomsindo nengqumbo kwabo banenkani, bayityeshelayo inyaniso ngokungalungisi.
تلاش KWABASEROMA 2:8
7
KWABASEROMA 2:5
Ngenxa yokuba unentliziyo elukhuni, ungaguquki, uzibizela ingqumbo ngemini yengqumbo. Ngaloo mini iya kucaca indlela agweba ngayo uThixo.
تلاش KWABASEROMA 2:5