1
IZAFOBE 3:5-6
IBHAYIBHILE
XHO96
Kholosa *ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke, ungaze ungqiyame ngezakho iimbono. Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho, waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.
సరిపోల్చండి
IZAFOBE 3:5-6 ని అన్వేషించండి
2
IZAFOBE 3:7
Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho; ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
IZAFOBE 3:7 ని అన్వేషించండి
3
IZAFOBE 3:9-10
Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo; ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho. Ukuba uyayenza le nto ziya kutsho zizale izisele zakho yindyebo; kanti ke neentsuba zakho ziya kuhlala ziphuphuma yiwayini entsha.
IZAFOBE 3:9-10 ని అన్వేషించండి
4
IZAFOBE 3:3
Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka. Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho. Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
IZAFOBE 3:3 ని అన్వేషించండి
5
IZAFOBE 3:11-12
Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo, ungasicekisi isiluleko sakhe. Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo, kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.
IZAFOBE 3:11-12 ని అన్వేషించండి
6
IZAFOBE 3:1-2
Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam, koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho. Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi, ikwandisele iminyaka noxolo.
IZAFOBE 3:1-2 ని అన్వేషించండి
7
IZAFOBE 3:13-15
Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko; nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda. Kaloku bona ubulumko yingeniso engaphezu kwayo nesiliva; nditsho negolide ayithathi nto kubo. Ewe, bungaphezulu lee nakumatye axabisekileyo. Kuzo zonke izinto onokuzinqwenela ayikho edlula ubulumko.
IZAFOBE 3:13-15 ని అన్వేషించండి
8
IZAFOBE 3:27
Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo, ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.
IZAFOBE 3:27 ని అన్వేషించండి
9
IZAFOBE 3:19
Kaloku uNdikhoyo ihlabathi waliseka ngobulumko, namazulu ngokwawo wawazinzisa ngengqiqo yakhe.
IZAFOBE 3:19 ని అన్వేషించండి