1
ULUKA 6:38
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo, nowuphiwa esondweni lengubo yenu; kuba umlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
Yenzanisa
Ongorora {{vhesi}}
2
ULUKA 6:45
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
3
ULUKA 6:35
Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.
4
ULUKA 6:36
Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.
5
ULUKA 6:37
Musani ukugweba, naye ningasayi kugwetywa; musani ukusingela phantsi, naye ningasayi kusingelwa phantsi; khululani, naniya kukhululwa.
6
ULUKA 6:27-28
Kodwa ke mna ndithi kuni nivayo, Zithandeni iintshaba zenu; yenzani okulungileyo kwabo banithiyayo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
7
ULUKA 6:31
Enithanda ukuba abantu benze ngako kuni, yenzani nani kwangokunjalo kubo.
8
ULUKA 6:29-30
Lowo ukubetha esidleleni, mnikele nesinye; nóthabatha ingubo yakho yokwaleka, ungali neyangaphantsi. Bonke ke abacela kuwe, baphe; kothabatha izinto zakho, ungabuye uzibize.
9
ULUKA 6:43
Kuba akukho mthi mhle uvelisa isiqhamo esibi; kanjalo akukho mthi mbi uvelisa isiqhamo esihle.
10
ULUKA 6:44
Kuba umthi wonke waziwa ngesiqhamo sawo; kuba kungàkhiwa makhiwane emithaneni enameva, kanjalo kungàbuthwa diliya equnubeni.