IINDUMISO 98

98
UThixo ingqonyela yehlabathi
Umhobe.
1Mombelelen' ingoma entsha *uNdikhoyo,
kuba unenzele izinto ezintle.
Kaloku woyisile ngamandla akhe nangegunya lakhe.
2UNdikhoyo ulutyhilile usindiso lwakhe,
wabuveza ezintlangeni ubulungisa bakhe.
3Wasigcina isithembiso sakhe kumaSirayeli.
Uthe ngcembe ngezibele nangentembeko;
lwabonwa ngumntu wonk' ehlabathini uloyiso lukaThixo wethu.
4Mombeleleni ngemihlali uNdikhoyo, nonke hlabathi!
Dandulukani, nimemelele, nivum' imibongo!
5Mbongeni uNdikhoyo ngesandi sengoma yehapu;
mbethelen' uncuthu lwengoma ngehapu.
6Bethan' amaxilongo, kukhal' isigodlo,
nenz' intshol' emnandi phambi koNdikhoyo ukumkani.
7Gquma, wena lwandle, nako konk' okukuwe;
nawe hlabathi, hlabel' ingoma!
8Bethan' izandla, milambo;
nani zinduli, mombelelen' uNdikhoyo!
9Kuba uza kuligweb' ihlabathi,
alawule konke ngobulungisa, engenamkhethe.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 98: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න