IINDUMISO 92

92
Ingoma yombulelo
Umbongo *waNgomhla woPhumlo.
1Yinto entle ukumbulela *uNdikhoyo;
yinto entle ukubonga igama loPhezukonke.
2Kulungil' ukubalisa ngezibele zakhe kusasa,
nangokunyaniseka kwakhe ngokuhlwa,
3kuvakala uncuthu lwengoma yeentambula,
nehapu itsho ngesongo sengom' emyoli.
4Kub' undivuyisile, Ndikhoyo, ngezinto ondenzele zona;
ndokubonga ndinemincili ngenxa yemisebenzi yakho.
5Hay' ukubaluleka kwemisebenzi yakho, Ndikhoyo!
Hay' ukuba nzulu kweengcamango zakho!
6Isidenge asinakuyazi loo nto,
nesiyatha asinako ukukuqiqa:
7le yokuba amatshijolo aya kubhangiswa,
nokuba selede amila njengokhula,
nokuba selede aphumelela.
8Kaloku wena, Ndikhoyo, unguPhezukonke;
wena unguye nanini-nanini.
9Iintshaba zakho, Ndikhoyo, zotshabalala kuphele,
kananjalo abhangiswe onke amatshijolo.
10Undomeleze ndanga ndiyinyathi;
undithe jize ngombhiyozo nolonwabo.
11Ndikubone ngala wam amehlo ukuwa kweentshaba zam;
ndiyive ngezi zam iindlebe intshabalalo yâbo bandizungulayo.
12Amalungisa achuma njengesundu,
akhula njengemisedare yaseLibhanon.
13Amilile emzini kaNdikhoyo;
ayakhula endlwini kaThixo.
14Avelisa iziqhamo naxa selaluphele,
aqhelezele omelele.
15Kutheth' ukuthi ke uNdikhoyo ulilungisa,
yena ngumkhuseli wam, akukho khwiniba kuye.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 92: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න