IINDUMISO 79

79
Isicelo sokuhlangulwa kwesizwe
Umhobe ka-Asafu.
1Iintshaba ziwuhlasele umhlaba wakho, Thixo;
ziyixabhele indlu yakho engcwele,
iJerusalem itsho yalinxuwa.
2Imizimba yezicaka zakho kukutya kweentaka,
izidumbu zazo zityiwa ziinyamakazi.
3Igazi lazo laphalala njengamanzi,
laba ngumgxobhozo ojikelez' iJerusalem,
kungekho bani wokuzifihla.
4Sesiyintlekisa kubamelwane;
bayakrwecana bephoxisa ngathi.
5Koda kube nini, *Ndikhoyo?
Uya kusoloko ucaphukile?
Lohlala livutha ikhwele lakho?
6Wugalele ezintlangeni umsindo wakho,
kwabo bangakukhathalelanga wena,
kwizikumkani ezingakunquliyo.
7Kuba bamqwengile uYakobi,
babhuqe bavuthulula konke.
8Ungasixhibi ngenxa yezono zoobawo;
nceda velana nathi kuba siphelelwe.
9Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.
10Ngani ukuba iintlanga zide zithi:
“Uphi lo Thixo wabo?”
Liphindezele igazi lezicaka zakho;
masikubone uzohlwaya iintlanga.
11Yive incwina yâbo bathinjiweyo;
ngaloo mandla akho basindise abo bagwetyelwe ukufa.
12Babuyisele kasixhenxe abamelwane
ngenxa yezenyeliso abakuthuka ngazo, Mhlekazi.
13Ke thina bantu baziigusha ozalusayo
siya kukubulela njalo-njalo;
ewe, soze sipheze ukukuncoma!

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 79: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න