IINDUMISO 67

67
Elokubulela
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo; ukhatshwa ziintambula.
1Ngamana wanesisa wasithamsanqelisa, Thixo!
Ewe, ngamana ungenza kube hele kube chosi kuthi,
2ukuze yaziwe intando yakho emhlabeni,
izizwe ziluxhamle usindiso lwakho.
3Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;
bonk' abantu mabakudumise.
4Mazidanduluk' izizwe zicule ngemincili,
kuba wena ulawula ngobulungisa,
zaluswa nguwe zonk' izizwe.
5Zonk' iintlanga mazikubonge, Thixo;
bonk' abantu mabakudumise.
6Ilizwe liphuphum' indyebo.
UThixo usithamsanqele; nditsho uThixo wethu.
7Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 67: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න