IINDUMISO 64

64
Ukucela ukhuselo
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.
1Bek' iindlebe, Thixo, ndiyakhala;
ndikhusele kwizoyikiso zotshaba.
2Ndifihle kumayelenqe abakhohlakeleyo,
kwihlokondiba eliyila inkohlakalo.
3Ulwimi lwabo lubukhali njengekrele;
bajolisa ngamazwi abukhali okweentolo.
4Balalela badubule abamsulwa;
babaqubula bengenasazela.
5Bayakhuthazana kobu bukrelemnqa;
bafuthelana ngamayelenqe;
bathi: “Soze sibonwe!
6Ngubani onokulibhaqa eli yelenqe lethu?
Iqhinga lethu silenze ngobuchule.”
Kaloku intliziyo yomntu lulwandle!
7Kodwa ke uThixo uya kubadubula ngotolo;
uya kubachana benzakale bengalindelanga.
8Uya kubabhubhisa ngenxa yokuthetha kwabo,
abababonayo banikine iintloko.
9Bonke baya kutsho boyike,
bakubhengeze akwenzileyo uThixo,
bayetyise imisebenzi yakhe.
10Amalungisa makonwatyiswe *nguNdikhoyo.
Ewe, makazimele ngaye;
onke amalungisa makaqhayise ngaye.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 64: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න