IINDUMISO 56

56
Ukuthembela kuThixo
Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide ekubanjweni kwakhe ngamaFilistiya eGati. Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ihobe lamahlathi akude.”
1Awu, Thixo, velana nam, kuba iintshaba ziyandihlasela;
maxa onke ziyanditshutshisa.
2Ewe, ndixinekile yintshutshiso yotshaba;
yinyambalala abahlaseli abaqholosayo.
3Ndakuxineka ndikholosa ngawe.
4UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.
5Iintshaba zam ziyaphixanisa;
zasoloko ziyila amacebo okundilimaza.
6Ziphum' izithuba, ziyandilalela;
zithene mbende nam.
Kaloku ziyandizungula.
7Babuyekeze ngenxa yezenzo zabo, Thixo;
ngamana wabakhahlela phantsi ungenalusizi.
8Uyakubona ukubhadula kwam,
neenyembezi zam uyazibona.
Kaloku uyazibhala ezi zinto.
9Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka.
Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum.
10UThixo olizwi ndilidumisayo,
*uNdikhoyo olizwi ndilidumisayo,
11ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.
12Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam,
ndenze umbingelelo wokukubulela;
13kuba undihlangule ekufeni,
undisindise ekoyisweni,
ukuze ndibe phambi koThixo,
ndidle ubomi njalo-njalo.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 56: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න