IINDUMISO 47

47
Umlawuli jikelele
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora.
1Qhwaban' izandla, nonke zizwe;
dandulukani, niculel' uThixo nivuya.
2*UNdikhoyo unguPhezukonke,
ufanelwe kukuhlonelwa.
Yena uyingangalala yokumkani
elawula ihlabathi jikelele.
3Yena wasithi jize ngoloyiso,
izizwe sazinyathela ngeenyawo;
kungaye sizilawula nje izizwe.
4Yena wasikhethela ilifa,
iqhayiya lakwaYakobi amthandayo.
5UThixo unyuke ephelekwa yimikhwazo yovuyo;
uNdikhoyo ukhawulelwe ngexilongo elihlokomayo.
6Khanimemelele niculele uThixo;
ntyilozani nibong' ukumkani wethu.
7Kaloku uThixo ngukumkani;
ewe, ngowehlabathi jikelele.
Ngoko ke memelelani nibongisele.
8UThixo ungqendeve kwibhotwe lakhe elingcwele;
uThixo ngumakhonya phezu kwezizwe.
9Amatshawe ezizwe aqukene ngeentloko;
nawo amatwa nabendlu yoThixo ka-Abraham.
Amagorha ehlabathi ngakaThixo;
yena nguMongameli ovelele bonke.

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 47: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න