IINDUMISO 115

115
UThixo okukuphela kwakhe
1Hayi bo! Mayingabi sithi, *Ndikhoyo;
ewe, makudunyiswe igama lakho,
ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho!
2Ngani ukuba iintlanga zide zithi:
“Uphi na lo Thixo wabo kakade?”
3UThixo wethu usemazulwini;
yena wenza loo nto ayithandayo.
4Kanti ke *izithixo zabo ziyisiliva negolide;
bazenza ngezandla ngokwabo.
5Ewe, zinemilomo nje, azithethi;
zinawo amehlo, kodwa ziimfama.
6Nakuba zineendlebe, aziva kodwa;
zineempumlo, kodwa azikwazi ukusezela.
7Ewe, zinezandla ezifileyo;
zineenyawo, kodwa azikwazi ukuhamba;
imiqala yazo ayikwazi kwenza sandi.
8Ew', abenzi bazo bofana nazo,
bekwanjalo nabo bonke abaqamela ngazo.
9Ke wena, Sirayeli, kholosa ngoNdikhoyo!
Uluncedo nomkhuseli wakho.
10Nani, ndlu ka-Aron,
kholosani ngoNdikhoyo!
Uluncedo nomkhuseli wenu.
11Nabo bonke abamthobelayo uNdikhoyo mabakholose ngaye!
Uluncedo nomkhuseli wabo.
12UNdikhoyo wosithamsanqelisa, kuba uyasazelelela;
uya kuyithamsanqela indlu kaSirayeli,
ayithamsanqele indlu ka-Aron.
13Bothamsanqeleka abamthobelayo uNdikhoyo;
ewe, nditsho abancinci kwanabakhulu.
14Ngamana wanandisa uNdikhoyo,
nina kunye nezizukulwana zenu.
15Ngamana wanithamsanqela uNdikhoyo
ongumenzi wamazulu nehlabathi.
16Kambe ke wona amazulu ngakaNdikhoyo;
ke lona ihlabathi walabela oonyana babantu.
17Abafileyo abamdumisi uNdikhoyo,
bengacingi nâbo behlela kwelabathe cwaka.
18Kambe ke thina somdumisa uNdikhoyo
kusukela ngoku kude kuse ephakadeni.
Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

දැනට තෝරාගෙන ඇත:

IINDUMISO 115: XHO96

සළකුණු කරන්න

පිටපත් කරන්න

සසඳන්න

බෙදාගන්න

None

ඔබගේ සියලු උපාංග හරහා ඔබගේ සළකුණු කල පද වෙත ප්‍රවේශ වීමට අවශ්‍යද? ලියාපදිංචි වී නව ගිණුමක් සාදන්න හෝ ඔබගේ ගිණුමට ඔබගේ ගිණුමට පිවිසෙන්න