UAMOS 1:1-2
UAMOS 1:1-2 XHO96
La ngamazwi ka-Amos, owayengomnye wabafuyi baseTekowa, abhekiselele koko wakubonayo ngokuphathelele kumaSirayeli, ngexesha u-Uziya wayengukumkani kwaJuda, yena uJerobhowam unyana kaJowashe engukumkani kwaSirayeli, iminyaka emibini phambi kwenyikima. Wathetha wenjenje uAmos: “*UNdikhoyo angabharhumla kwintab' iZiyon, iziwi lakhe lingazongoma livela ngaseJerusalem, amadlelo atsho abharhe, yona incopho yentaba iKarmele itshaze.”



