IINDUMISO 150
150
Bayethe, Mhlekazi!
1Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”
Khahlelani, nimbonge uThixo endlwini yakhe engcwele;
mdumiseni ngenxa yamandla akhe esibhakabhakeni.
2Mbongeni ngenxa yemisebenzi yobugorha bakhe,
nimdumise kuba yena usisihandiba sesikhulu!
3Yitshoni ngomtyangampo wexilongo nimdumise;
yombelani nimbonge ngomrhubhe nehapu!
4Dumisani nimbonge ngegubu nomdudo;
ngqungqani nimbonge ngezeengcingo nesigodlo!
5Tshilani nimbonge ngamacangci akhenkcezayo;
yitshoni ngentswahla nimdumise ngamacangci ahlokomayo!
6Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge *uNdikhoyo!
Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”
सध्या निवडलेले:
IINDUMISO 150: XHO96
ठळक
कॉपी करा
तुलना करा
सामायिक करा
तुमचे हायलाइट तुमच्या सर्व डिव्हाइसेसवर सेव्ह करायचे आहेत? साइन अप किंवा साइन इन
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.