IINDUMISO 54

54
Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni
Kumbhexeshi-kwayara; ikhatshwa ziintambula; umbongo kaDavide, ngexesha amaZiti exelela uSawule ukuba uDavide uzimele kuwo.
1Ngegunya lakho ndisindise, Thixo;
ngamandla akho undikhulule.
2Wuphulaphule umthandazo wam,
sive isikhalo sam, Thixo.
3Iintlanga ziyandihlasela;
izikhohlakali zizungula ukundibulala.
Zona azimkhathalele nganto uThixo.
4Kodwa ke umncedi wam nguThixo,
umxhasi wam nguMhlekazi.
5Ngamana wayibuyisela kwasezintshabeni zam inkohlakalo yazo.
Zibhangise, kuba uthembekile wena.
6*Ndikhoyo, ndilangazelela ukukwenzela umbingelelo.
Ndiyabulela kuwe, kuba wena ulungile.
7Kuzo zonke iingxaki zam wena undihlangule;
ukoyiswa kweentshaba zam ndikubone ngamehlo.

നിലവിൽ തിരഞ്ഞെടുത്തിരിക്കുന്നു:

IINDUMISO 54: XHO96

ഹൈലൈറ്റ് ചെയ്യുക

പങ്ക് വെക്കു

പകർത്തുക

None

നിങ്ങളുടെ എല്ലാ ഉപകരണങ്ങളിലും ഹൈലൈറ്റുകൾ സംരക്ഷിക്കാൻ ആഗ്രഹിക്കുന്നുണ്ടോ? സൈൻ അപ്പ് ചെയ്യുക അല്ലെങ്കിൽ സൈൻ ഇൻ ചെയ്യുക