1
UMATEWU 13:23
IBHAYIBHILE
XHO96
Eyahlwayelwa emhlabeni olungileyo ifanekisa lowo uzivayo aziqonde iindaba ezi, aze avelise isiqhamo, omnye ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomye amashumi amathathu.”
താരതമ്യം
UMATEWU 13:23 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
2
UMATEWU 13:22
Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.
UMATEWU 13:22 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
3
UMATEWU 13:19
Ukuba ubani uthi azive iindaba ezingolawulo lukaThixo, angàziqondi, uyeza ongendawo akuhluthe oko kwakuhlwayelwe entliziyweni yakhe. Yiyo leyo imbewu ehlwayelwe endleleni.
UMATEWU 13:19 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
4
UMATEWU 13:20-21
Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo. Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko.
UMATEWU 13:20-21 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
5
UMATEWU 13:44
“Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nobutyebi obufihlwe entsimini, waza ubani wabubhaqa, wabugqumelela kwakhona, wathi, evuya kakhulu, waya kuthengisa konke anako, wayithenga loo ntsimi.”
UMATEWU 13:44 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
6
UMATEWU 13:8
Enye yawa kumhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo: enye yanika ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.
UMATEWU 13:8 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
7
UMATEWU 13:30
Luyekeni ukhula, lukhule kunye nengqolowa, kude kube lixesha lokuvuna. Xa kuvunwayo ke, ndothi kubavuni: “Kuqala qokelelani ukhula, nilubophe izithungu, nilutshise, nize ke ingqolowa niyiqokelelele esiseleni sam.” ’ ”
UMATEWU 13:30 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക