1
UMATEWU 12:36-37
IBHAYIBHILE
XHO96
“Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha. Umntu uya kugwetywa, okanye akhululwe, ngokwamazwi akhe.”
താരതമ്യം
UMATEWU 12:36-37 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
2
UMATEWU 12:34
Nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuba nako ukuthetha okulungileyo, nikhohlakele nje? Kaloku umlomo womntu uphuphuma oko intliziyo izele kuko.
UMATEWU 12:34 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
3
UMATEWU 12:35
Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okukuye. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ekuye.
UMATEWU 12:35 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
4
UMATEWU 12:31
Ke ngoko, ndithi kuni, zonke izono nezinyeliso baya kuzixolelwa abantu, kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele akuyi kuxolelwa.
UMATEWU 12:31 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക
5
UMATEWU 12:33
“Ukuba nithi umthi ulungile, mawuvelise iziqhamo ezilungileyo; ukuba ke nithi ngumthi ombi, mawuvelise iziqhamo ezibi. Kaloku umthi uqondwa ngeziqhamo zawo.
UMATEWU 12:33 പര്യവേക്ഷണം ചെയ്യുക