U‐Malaki 4

4
1Ngokuba, bona ke, umhla uyeza, oya kuvuta njengeziko; bandule abar̔atshileyo, nabo bonke abayenza inkohlakalo, babe zindiza, uti umhla ozayo ubatshise, utsho uyehova wemikosi, ude ungabashiyeli nengcambo nesebe. 2Kodwa nina niloyikayo igama lam, ilanga lobulungisa lonipumela, linokupilisa emapikweni alo; naniya kupuma, nidlobe njengamatole asesitaleni. 3Kanjalo nobanyatela pantsi abakohlakeleyo; ngokuba beya kuba lututu ngapantsi kwemizantsi yenyawo zenu, kulomhla endiwenzayo, utsho uyehova wemikosi. 4Kumbulani umteto ka‐Mosesi isicaka sam, lowo ndamyalelayo e‐Horebe ngenxa yo‐Sirayeli bonke, imimiso nezigwebo, 5Bona ke, ndiya kutuma kuni u‐Elija umprofite, ungekafiki umhla kayehova omkulu owoyikekileyo: 6waeya kuti intliziyo yoyise ayiguqulele kubantwana, nentliziyo yabantwana ayiguqulele koyise; hleze ndize ke ndilibete ilizwe ngesiqalekiso.

선택된 구절:

U‐Malaki 4: XHO1902A

하이라이트

복사

비교

공유

None

모든 기기에 하이라이트를 저장하고 싶으신가요? 회원가입 혹은 로그인하세요