EYONQULO 12

12
Ukuhlanjululwa kwamakhosikazi emva kokubeleka
1*UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo 2ukuba ayigqithisele kumaSirayeli: Umdlezana emva kokubeleka inkwenkwe woba *nomlaza iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. 3Ngosuku lwesibhozo usana olo kufuneka lwaluswe. 4Kodlula amashumi amathathu anantathu eentsuku ngaphambi kokuba loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Kufuneka angaphathi nanye into eyahlulelwe uThixo, angasondeli nokusondela *esibingelelweni kude kuphele ixesha lokuhlanjululwa kwakhe.
5Umdlezana emva kokubeleka intombazana woba nomlaza iintsuku ezilishumi elinane, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. Kodlula amashumi amathandathu anantandathu eentsuku ngaphambi kokuba ahlambuluke ekopheni.
6Lakufika ixesha lokuhlanjululwa kwakhe, nokuba ebebeleke inkwenkwe okanye intombazana, kufuneka ase itakane elinonyaka kumbingeleli ekungeneni kwesibingelelo, eliza kuba lidini elitshiswayo, kunye nevukuthu okanye ihobe lokwenza idini lokucamagushela isono. 7Umbingeleli wolinikela idini elo kuNdikhoyo, aze loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Nantso ke into emayenziwe ngumdlezana, nokuba ubeleke inkwenkwe okanye intombi.
8Ukuba loo mdlezana akanako ukuzisa itakane, makeze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini elitshiswayo, elinye libe lelokucamagushela isono. Ngokwenjenjalo umbingeleli uya kumcamagushela, aze loo mdlezana ahlambuluke.

선택된 구절:

EYONQULO 12: XHO96

하이라이트

공유

비교

복사

None

모든 기기에 하이라이트를 저장하고 싶으신가요? 회원가입 혹은 로그인하세요