1
KWABASEROMA 12:2
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.
비교
KWABASEROMA 12:2 살펴보기
2
KWABASEROMA 12:1
Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.
KWABASEROMA 12:1 살펴보기
3
KWABASEROMA 12:12
mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani
KWABASEROMA 12:12 살펴보기
4
KWABASEROMA 12:21
Musa ukweyiswa bububi; boyise ububi ngokulungileyo.
KWABASEROMA 12:21 살펴보기
5
KWABASEROMA 12:10
Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani
KWABASEROMA 12:10 살펴보기
6
KWABASEROMA 12:9
Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.
KWABASEROMA 12:9 살펴보기
7
KWABASEROMA 12:18
Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.
KWABASEROMA 12:18 살펴보기
8
KWABASEROMA 12:19
Musani ukuziphindezelela, zint'anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.
KWABASEROMA 12:19 살펴보기
9
KWABASEROMA 12:11
mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani
KWABASEROMA 12:11 살펴보기
10
KWABASEROMA 12:3
Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abelé ulowo nalowo umlinganiso wokholo.
KWABASEROMA 12:3 살펴보기
11
KWABASEROMA 12:17
Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okùhle emehlweni abantu bonke.
KWABASEROMA 12:17 살펴보기
12
KWABASEROMA 12:16
Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.
KWABASEROMA 12:16 살펴보기
13
KWABASEROMA 12:20
Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.
KWABASEROMA 12:20 살펴보기
14
KWABASEROMA 12:14-15
Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi. Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
KWABASEROMA 12:14-15 살펴보기
15
KWABASEROMA 12:13
mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.
KWABASEROMA 12:13 살펴보기
16
KWABASEROMA 12:4-5
Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
KWABASEROMA 12:4-5 살펴보기