1
KWABASEKOLOSE 2:6-7
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Njengokuba ngoko namamkelayo uKristu Yesu iNkosi, hambani kuye, néndelé nakhelwé kuye, naqiniswa ngokholo, njengoko nafundiswayo nafezeka kulo, ninombulelo.
비교
KWABASEKOLOSE 2:6-7 살펴보기
2
KWABASEKOLOSE 2:8
Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu.
KWABASEKOLOSE 2:8 살펴보기
3
KWABASEKOLOSE 2:13-14
Nani, nífile nje ziziphoso nakukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye, enixolele zonke iziphoso. Ewucimile umbhalo wesandla owalana nathi, owawumelene nathi ngayo imimiselo, uwususile ke kanye, ngokuwubethelela emnqamlezweni
KWABASEKOLOSE 2:13-14 살펴보기
4
KWABASEKOLOSE 2:9-10
Ngokuba kuhleli kuye konke ukuzaliseka kobuThixo ngokomzimba; kanjalo nigqibelèle kuye, oyintloko yabo bonke ubulawuli negunya
KWABASEKOLOSE 2:9-10 살펴보기
5
KWABASEKOLOSE 2:16-17
Makungabikho mntu ngoko unigwebayo ngento edliwayo, nangento eselwayo, nangendawo yomthendeleko, nangenyanga ethwasileyo, nangeesabatha; ezisisithunzi sezinto eziza kuza; ke sona isiqu sesikaKristu.
KWABASEKOLOSE 2:16-17 살펴보기