1
KUTIMOTI II 4:7
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile.
비교
KUTIMOTI II 4:7 살펴보기
2
KUTIMOTI II 4:2
livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, únako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa.
KUTIMOTI II 4:2 살펴보기
3
KUTIMOTI II 4:3-4
Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.
KUTIMOTI II 4:3-4 살펴보기
4
KUTIMOTI II 4:5
Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wénze, búzalise ubulungiseleli bakho.
KUTIMOTI II 4:5 살펴보기
5
KUTIMOTI II 4:8
Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.
KUTIMOTI II 4:8 살펴보기