I‐Genesise 6:1-4
I‐Genesise 6:1-4 XHO1902A
KWAYE kute, bakuba abantu sebeqalile ukwanda pezu kwomhlaba, nokuba babezalelwe intombi, bandula onyana bakatixo babona intombi zabantu ukuba zintle, bazizekela abafazi kuzo zonke abaziqashayo. Waza wati uyehova: U‐Moya wam akayi kumana epikisana nomntu ngonapakade, kwa sekubeni eyinyama yena; kodwa imihla yake yoba yiminyaka ibe likulu elinamashumi mabini. Yabiko imindondosholo emhlabeni ngezontsuku; nakanjako emveni kwoko, xeshekweni onyana bakatixo bangena kuzo intombi zabantu, zaza zazala abantwana kubo: abati bona baba ngamaṙoti abengawakudala, amadoda adumileyo.

