1
2 YOOKUMKANI 5:1
IBHAYIBHILE
XHO96
Ke kaloku uNahaman wayeyinjengele yomkhosi wokumkani wakwa-Aram. Yayingumfo ohlonitshwayo noxatyisiweyo nayinkosi yakhe. Kaloku kwakungaye lowo ukuze *uNdikhoyo awaphe uloyiso ama-Aram. Wayelikroti lomfo, nto nje eneqhenqa.
Qhathanisa
Hlola 2 YOOKUMKANI 5:1
2
2 YOOKUMKANI 5:10
UElisha wamthumelela isigidimi esithi: “Yiya emlanjeni iJordan, uhlambe kasixhenxe. Ulusu lwakho lobuyela kwimo yalo yangaphambili, uhlambuluke.”
Hlola 2 YOOKUMKANI 5:10
3
2 YOOKUMKANI 5:14
Ngoko ke uNahaman wehla waya eJordan, wafika wantywila khona kasixhenxe ngokwelizwi awayelixelelwe ngumfo wakwaThixo. Ngenene ke ulusu lwakhe lwahlaziyeka lwahlambuluka lwaba njengolomntwana.
Hlola 2 YOOKUMKANI 5:14
4
2 YOOKUMKANI 5:11
Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke.
Hlola 2 YOOKUMKANI 5:11
5
2 YOOKUMKANI 5:13
Ke zona izicaka zikaNahaman zaya kuye, zathi: “Nkosi, ukuba umshumayeli lowa ebethe yenza into enkulu kunale, ngaba ubungayi kuyenza na? Kukangakanani ke, nkosi, xa yena esithi: ‘Hlamba ukuze uhlambuluke’!”
Hlola 2 YOOKUMKANI 5:13
6
2 YOOKUMKANI 5:3
Ke yona yathi apho kuloo mfazi: “Akwaba inkosi yam le ibingabonana *nomshumayeli okweliya laseSamariya! Ebengayiphilisayo kweli qhenqa layo.”
Hlola 2 YOOKUMKANI 5:3