UISAYA 29:16 - Compare All Versions

UISAYA 29:16 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi?

UISAYA 29:16 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Iinto zonke bona bayazibhukuqa: kukho udongwe nombumbi – yiyiphi eyona-yona? Into ebunjiweyo ingamsola na umbumbi isithi: “Andenziwanga nguye”? Udongwe lungatsho na kumxonkxi ukuthi: “Awunangqiqo”?

UISAYA 29:16 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Hai ubugwenxa benu! Kanene umbumbi uya kubalwa njengodongwe na? into eyenziweyo iya kutsho na ngomenzi wayo ukuti: Akandenzanga? nento edaliweyo iya kutsho na ngomdali wayo ukuti: Akanakuqonda?

UISAYA 29:16 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ewe, ukutshintshisa kwenu kuya kuba njengodongwe lombumbi; kuba umsebenzi walowo uyenzileyo uthi, Akandenzanga na kum? Okanye ngaba icebo lakhe lithi, Akaqondi?