OOKUMKANI II 23:25 - Compare All Versions

OOKUMKANI II 23:25 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngaphambi kwakhe akubangakho kumkani unjengaye, ubuyeleyo kuYehova ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, nangamandla akhe onke, ngokomyalelo wonke kaMoses; nangasemva kwakhe akuvelanga unjengaye.

OOKUMKANI II 23:25 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ngaphambili nasemva kwakhe uJosiya wayengazange abekho, engaphindanga wakhona, ukumkani owayezinikezele kuNdikhoyo njengaye, loo nto eyenza ngomxhelo wakhe uphela, nangamandla akhe, njengoko usitsho umthetho kaMosis.

OOKUMKANI II 23:25 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Nanjengaye bekungeko ukumkani pambili kuye, owaguqukela KUYEHOVA ngayo yonke intliziyo yake, nangawo wonke umpefumlo wake, nangawo onke amandla ake, njengawo wonke umteto ka‐Mosesi; nasemva kwake bekungavuki onjengaye.

OOKUMKANI II 23:25 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngaphambi kwakhe akubangakho kumkani unjengaye, ubuyeleyo kuYehova ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, nangamandla akhe onke, ngokomyalelo wonke kaMoses; kwaye emva kwakhe akubangakho namnye unjengaye.