OOKUMKANI II 22:20 - Compare All Versions
OOKUMKANI II 22:20 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi endibuzisela le ndawo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
Yabelana
OOKUMKANI II 22 XHO75OOKUMKANI II 22:20 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke ndiya kukubuyisela kooyihlo, ungcwatywe ngoxolo. Awakho amehlo akasayi kusibona isithwakumbe endiza kusithoba phezu kweli lizwe.’ ” Loo mpendulo ke bâya kuyixelela ukumkani.
Yabelana
OOKUMKANI II 22 XHO96OOKUMKANI II 22:20 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, bona ke, ndiya kukubutela koyihlo bako, wauya kubutelwa encw̔abeni lako ngoxolo; namehlo ako wona akayi kubona lonke ilishwa endiya kulizisa pezu kwalendawo. Baza bamzisela ukumkani impendulo.
Yabelana
OOKUMKANI II 22 XHO1902AOOKUMKANI II 22:20 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ngako oko, uyabona, ndiya kukusongela ngooyihlo, ubethwe ngoxolo engcwabeni lakho; angayi kububona amehlo enu bonke ububi endibuzisa kule ndawo. Babuya ke bamxelela ukumkani.
Yabelana
OOKUMKANI II 22 CXB24