OOKUMKANI II 20:5 - Compare All Versions
OOKUMKANI II 20:5 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Buya uye kuthi kuHezekiya, ingànga yabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; uyabona, ndiya kukuphilisa; ngomhla wesithathu uya kunyuka uye endlwini kaYehova
OOKUMKANI II 20:5 XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.
OOKUMKANI II 20:5 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Buya, uye uti ku‐Hezekiya inkosi yabantu bam: Utsho UYEHOVA, UTIXO ka‐Davide uyihlo wako, ukuti: Ndivile umtandazo wako, ndibonile inyembezi zako; bona ke, ndiya kukupilisa: ngomhla wesitatu uya kunyuka uye endlwini KAYEHOVA
OOKUMKANI II 20:5 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Buya uye kuthi kuHezekiya ukumkani wabantu bam, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho; yabona, ndingumphilisi; ngomhla wesithathu uya kunyuka aye endlwini kaYehova.