OOKUMKANI II 20:1 - Compare All Versions
OOKUMKANI II 20:1 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngaloo mihla wayesifa uHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amotse, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela; ngokuba ùya kufa wena, akuyi kuphila.
OOKUMKANI II 20:1 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke ukumkani uHezekiya wahlabeka, waza wagulela ukungabikho. *Umshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi, waya kumbona, waza wathi kuye: “*UNdikhoyo uthi: ‘Lungisa imicimbi yomzi wakho ime kakuhle, kuba uza kufa, awuzukuphila.’ ”
OOKUMKANI II 20:1 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
NGALOMIHLA wabesifa u‐Hezekiya wada waza kububa. Wandula weza kuye u‐Yisaya unyana ka‐Amotse, umprofite, wati kuye: Utsho UYEHOVA ukuti: Yolela indlu yako; ngokuba uya kububa wena, akuyi kupila.
OOKUMKANI II 20:1 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ngelo xesha wahliwa sisifo uHezekiya, wafa. Waya umprofeti uIsaya, unyana ka-Amos, kuye, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yilawule indlu yakho; ngokuba uya kufa, aniyi kuphila.