OOKUMKANI II 19:15 - Compare All Versions

OOKUMKANI II 19:15 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, ùhleli wena phakathi kweekerubhi,• unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi.

OOKUMKANI II 19:15 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena wawadala amazulu kwanehlabathi.

OOKUMKANI II 19:15 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Watandaza u‐Hezekiya ebusweni BUKAYEHOVA, wati: YEHOVA, TIXO wo‐Sirayeli, ohleli pakati kwazo ikerubime! unguwe wedwa o NGUTIXO wabo bonke ubukumkani bomhlaba; wenzile wena izulu nomhlaba.

OOKUMKANI II 19:15 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo kaSirayeli, uhleli phezu kweekerubhi, unguye wena wedwa uthixo kwizikumkani zonke zehlabathi; Wenza izulu nehlabathi.