OOKUMKANI II 13:21 - Compare All Versions
OOKUMKANI II 13:21 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kwathi, bengcwaba indoda, babona ngamatutu evela; bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha. Ithe indoda leyo yakufika emathanjeni kaElisha, yasuka yaphila, yema ngeenyawo.
Yabelana
OOKUMKANI II 13 XHO75OOKUMKANI II 13:21 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ke kaloku amaSirayeli athile esangcwaba umntu, asuka abona iqela labahlaseli. Othuka, aza ke awuphosa engcwabeni likaElisha loo mzimba, wathi ke loo mzimba wakudibana namathambo kaElisha, suka waphila umntu lowo, wema ngeenyawo.
Yabelana
OOKUMKANI II 13 XHO96OOKUMKANI II 13:21 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, nxa babencw̔aba indoda, bona ke, babona ibandla; baza bayiposa indoda leyo encw̔abeni lika‐Elisha; yati yakungena yacukumisa amatambo ka‐Elisha, yabuya yapila, yapakama pezu kwenyawo zayo.
Yabelana
OOKUMKANI II 13 XHO1902AOOKUMKANI II 13:21 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ke kaloku, bakuba bengcwaba umntu, babona igquba; bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha.
Yabelana
OOKUMKANI II 13 CXB24