Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IINDUMISO 11

11
Ukuthembela ngoThixo
Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.
1Ndithembele *ngoNdikhoyo nje,
ningathini ukuthi: “Balekela ezintabeni zenu njengentaka!
2Kaloku abantw' abagwenxa sebejolisile ngesaphetha esinotolo,
bajolisel' ukulidubul' emnyameni ilungisa.
3Xa sekudilike neziseko nje,
lingenzani ke lona ilungisa?”
4UNdikhoyo ukwibhotwe lakhe elilodwa,
uhlel' esihlalweni sakhe ezulwini.
Uyabagqala oonyana babantu,
uyazibona izintw' abazenzayo,
5uyabavavany' abalungileyo nabagwenxa,
abathiye ngentiyokazi enkulu abaphalazi-gazi.
6Uya kubabetha ngesichotho sesalfa namalahl' avuthayo abantw' abagwenxa;
iziphango nezaqhwithi ziba sisabelo sabo.
7Kaloku ulilungisa uNdikhoyo;
uyazithanda izenzo ezilungileyo.
Abo balungisayo bobonana naye ubuso ngobuso.

Currently Selected:

IINDUMISO 11: XHO96

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena