UYOBI 25

25
UBhildadi: Umntu akangebi msulwa enkundleni kaThixo
1Kwesi sithuba ke kuphendule uBhildadi umfo waseShuwa, wathi:
2“Kaloku uThixo nguSomagunya, nguDuma-barhwaqele;
yaye ke ulugcinile ucwangco kweliphezulu.
3Ngaba ukhona na ongazibalayo izinxiba-mxhaka zakhe?
Khona ngaba kuphi apho lungabonakaliyo ukhanyiso lwakhe?
4Ngaba kungenzeka ukuba umntu afumaniseke emsulwa enkundleni kaThixo?
Uthi ingenzeka into yokuba umntu ozelwe ngumfazi angabi nabala?
5Kaloku nenyanga ngokwayo ayiqaqambanga kangako phambi kwakhe;
kanti neenkwenkwezi ezi azingcwenganga kangako kuye.
6Kuxa engubani ke yena umntu, eyimpethu nje?
Uthi unaxabiso lini unyana womntu kuThixo, engumbungu nje?”

Ekhethiweyo ngoku:

UYOBI 25: XHO96

Qaqambisa

Yabelana

Kopa

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena