1
UDANIYELI 7:14
IBHAYIBHILE
XHO96
Waza ke wathiwa jize ngamagunya, amawonga, nobukumkani, zaza zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi, zamkhonza. Ubukhosi bakhe ke babungunaphakade bungenasiphelo, nombuso wakhe ungenakudaka.”
Thelekisa
Phonononga UDANIYELI 7:14
2
UDANIYELI 7:13
Ndisabukele njalo kuwo loo mbono wasebusuku ndabona kusiza ofana nonyana womntu, esiza ephahlwe ngamafu. Ke kaloku waya kufika kwelo Nyange elimihla ingapheliyo, wasondezwa phambi kwalo.
Phonononga UDANIYELI 7:13
3
UDANIYELI 7:27
Ke kaloku ubukhosi namagunya nobuhandiba bazo zonke izikumkani zehlabathi buya kunikezelwa kubantu abangcwele abalusapho lukaPhezukonke. Ke kaloku ulawulo lwaloo mbuso aluyi kuba nasiphelo, zaye ke zonke izikumkani zehlabathi ziya kuwuthobela ziwululamele.’
Phonononga UDANIYELI 7:27
4
UDANIYELI 7:18
Abantu abangcwele bakaPhezukonke ke bona baya kuzuza ulawulo, lube lolwabo kude kube ngunaphakade kanaphakade.’
Phonononga UDANIYELI 7:18
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo