I‐Genesise 1:26-27
I‐Genesise 1:26-27 XHO1902A
Wayesiti utixo: Masenze umntu ngomfanekiso wetu, njengemfuzo yetu; mababe nobukosi pezu kwentlanzi zolwandle, napezu kwentaka zezulu, napezu kwenkomo, napezu kwawo wonke umhlaba, napezu kwazo zonke izinambuzane ezinambuzelayo pezu kwomhlaba. Waza utixo wadala umntu ngowake umfanekiso; wamdala ngomfanekiso katixo: wabadala indoda nomfazi.






