1
UMARKO 14:36
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Wayesithi, Abha,• Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.
Yenzanisa
Ongorora {{vhesi}}
2
UMARKO 14:38
Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
3
UMARKO 14:9
Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
4
UMARKO 14:34
Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.
5
UMARKO 14:22
Bakubon' ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
6
UMARKO 14:23-24
Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi.
7
UMARKO 14:27
Athi kubo uYesu, Nonke niya kukhubeka kum ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha kumalusi, zichithwachithwe izimvu.
8
UMARKO 14:42
Vukani sihambe; yabonani, lowo undinikelayo usondele.
9
UMARKO 14:30
Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.